Ingoma 76
UYehova, UThixo Woxolo
1. Thixo onoxolo,
Nothando lokwenene,
Senze nathi sibe nalo
Uxolo kwanothando.
Nceda wenz’ ukuba
Sihlale sinoxolo
Nabo bonke ebandleni,
Kuba wen’ unoxolo.
2. Alukho uxolo,
Kuphela ziinyembezi,
Kwihlabathi lanamhlanje
Elikhohlakeleyo.
Njengoko sizama
Ukwenz’ intando yakho
Nceda Bawo sibabale,
Sihlale sinoxolo.
3. Bawo wethu Thixo,
Sibulela ngenene,
Ngokusalathisa kwakho
Ngomoya nangeLizwi.
Ngamana singaba
Noxolo oluninzi
Njengombethe ekuseni,
Ukuze usithande.
(Bona nezi: INdu. 4:8; Fil. 4:6, 7; 1 Tes. 5:23.)