Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 30

UYehova Uqalisa Ukulawula

UYehova Uqalisa Ukulawula

(ISityhilelo 11:15)

1. Ngumhla ozukileyo. UThixo uyalaw’la.

Ubeke uKristu etroneni.

Sonke masimdumise, Simbulele uThixo,

Ngokusinika uKristu uMsindisi.

(CHORUS)

Buza nanton’ uBukumkani?

Inyaniso no kulunga.

Yinton’ enye obuza nayo?

Lulonwabo kwanobomi.

Dumisani uSomandla

Ngala mathemba mahle.

2. Lifikile ixesha, Lokuba ipheliswe

Inkqubo endala kaSathana.

Masishumayeleni, Silumkise abantu,

Ukuze abanobulali basinde.

(CHORUS)

Buza nanton’ uBukumkani?

Inyaniso no kulunga.

Yinton’ enye obuza nayo?

Lulonwabo kwanobomi.

Dumisani uSomandla

Ngala mathemba mahle.

3. Siluxabisa gqitha, Ulaw’lo lukaKristu.

Ulawula ngokwentando kaYa.

Ngoko masithobele Ulwalathiso lwakhe,

Kuba ngalo siya kuzuza ubomi.

(CHORUS)

Buza nanton’ uBukumkani?

Inyaniso no kulunga.

Yinton’ enye obuza nayo?

Lulonwabo kwanobomi.

Dumisani uSomandla

Ngala mathemba mahle.