Ingoma 61
Uhlobo Lomntu Endifanele Ndibe Lulo
1. Ndingakubulela ngokwenza ntoni
Thixo wam Yehova, ngesipho sobomi?
Nceda uhlole ukuba ndinjani na;
Ndifuna ukuba ngumntu omthandayo.
Ndiyakuthembisa, ndakukukhonza
Ngokuzimisela, ubomi bam bonke.
Ngoko Thixo wethu, nceda ube nam;
Kwanga ndingenza ube novuyo.
2. Nceda undihlole, ndigocagoce
Thixo oluthando, ukuze ndisinde.
Ufuna umntu onyanisekileyo
Ngamana ndingakwenza ube nemincili
(Bona nezi: INdu. 18:25; 116:12; 119:37: IMize. 11:20.)