Ingoma 44
Ukuba Nenxaxheba Ngovuyo Ekuvuneni
1. Siphila kwixesha lok’vuna,
Okwenziwa ziingelosi.
Kodwa nathi sinenxaxheba
Ekwenzeni lo msebenzi.
UKristu ube ngumzekelo
Wokuvuna ngenkuthalo.
Ngoko nathi masizibhokoxe
Ekuvuneni ngovuyo.
2. Ukuthand’ uThixo nabantu,
Kusenza sizimisele.
Is’phelo sele sikufuphi,
Ngoko masizibhokoxe.
Ngaloo ndlela siba novuyo
Lokusebenza noThixo.
Ngoko bhengeza uBukumkani
Uzuze iintsikelelo.
(Bona nezi: Mat. 24:13; 1 Kor. 3:9; 2 Tim. 4:2.)