Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 48

Ukuhamba Mihla Le NoYehova

Ukuhamba Mihla Le NoYehova

(Mika 6:8)

1. Sihamba noBawo wethu,

Ngobubele nokuthozama.

Ubenzela ububele

Abo bahamba kunye naye.

Ngoko masizimisele

Ukuhamba noThixo.

Masizinikele kuye,

Senze ukuthanda kwakhe.

2. Kule mihla yesiphelo,

Abaninzi bayasichasa.

Kodwa siyaphumelela

Kuba sihamba noYehova.

Uhlala esikhusela

Esibambe ngesandla.

Siyamthanda uYehova,

Sohlala sihamba naye.

3. UThixo uyasixhasa

Ngomoya wakhe oyingcwele.

Sincedwa liLizwi lakhe

Kwanalibandla lobuKristu.

Ngamana singaqhubeka

Sihamba noYehova,

Sibonise ububele,

Ukuthozama nothando.