Ingoma 135
Ukunyamezela Kuse Ekupheleni
1. IZibhalo Ezingcwele
Ziyasomeleza.
Oko zikuthembisayo
Kuya kuzaliseka.
Qinisa ukholo lwakho
Ufunde iZibhalo.
Nyamezela ubunzima,
Kuse ekupheleni.
2. Hlala uthanda uThixo
Ungayekeleli.
Xa kuvela izilingo
Hlala unyamezela.
Enoba ulingwa njani
UThixo woba nawe.
Woqhubeka ekuxhasa,
Aze akomeleze.
3. Abo banyamezelayo
Baya kusindiswa.
Baya kuphila phakade,
Bahlale ngolonwabo.
Ngoko masinyamezele
Ukuze sisindiswe.
UYehova wosinceda,
Xa sikholose ngaye.
(Bona nezi: Heb. 6:19; Yak. 1:4; 2 Pet. 3:12; ISityhi. 2:4.)