Ingoma 7
Ukuzahlulela KwamaKristu
1. Uzukile uYehova,
Nguye onguMdali.
Wenze izulu nomhlaba,
Nendalo ekuzo.
Ubomi bethu sisipho
Esivela kuye.
Ufanelwe kukudunyiswa
Yindalo yakhe yonke.
2. UYesu wazahlulela,
Waza wabhaptizwa.
Wazinikel’ ekwenzeni
Intando kaThixo.
Akuba ebhaptiziwe
Waza wathanjiswa,
Ngokunyaniseka wakhonza
Njengozahluleleyo.
3. Siza kuwe Thixo wethu,
Siyakudumisa.
Sizithoba kuwe Bawo,
Sikwazahlulela.
Uncame uNyana wakho,
Oye wasifela.
Ngoko asisaziphileli,
Senza intando yakho.
(Bona nezi: Mat. 16:24; Mar. 8:34; Luka 9:23.)