Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 78

Ukuzeka Kade Umsindo

Ukuzeka Kade Umsindo

(Galati 5:22)

1. Igama likaThixo

Lingcolisiw’ emhlabeni.

Kodwa kungekudala

Uza kulihlambulula.

Sele kuyiminyaka

Ezeka kad’ umsindo,

Ebonisa umonde

Ngoxa egculelwa.

Unqwenela ukuba

Bonk’ abantu basindiswe.

Ngoko siyangenelwa

Ngokunyamezela kwakhe.

2. Masixelis’ uThixo

Ngokuzeka kad’ umsindo.

Oko kuyosinceda

Sibe noxolo lwengqondo.

Yaye kuya kusenza

Sihlale ngomanyano,

Sibe seluxolweni

Nabo bonk’ abantu.

Ngoko masixelise

INkosi enguMongami,

Ngokuthi sibonise

Ukuzeka kad’ umsindo.