Ingoma 99
Ukuzukisa UKumkani Omtsha Womhlaba
1. UKristu nebandla lakhe
labathanjisiweyo,
Baye bahlanganisa
isihlwele esikhulu.
Ngoku uKrist’ umiselwe
NjengoKumkani woluntu.
Uza kuphumeza intando kaThixo
aph’ emhlabeni.
(CHORUS)
Zukisani uThixo
NoNyana wakhe
Osikhulule ngentlaw’lelo.
Ngoku sinethemba lokuphila
Emhlabeni phakade.
2. Siyamzukisa uKristu
onguKumkani wethu.
Le Nkosana yoXolo
yenza intando kaThixo.
Ngoku sonke siyavuya
Kuba siza kukhululwa
Esonweni nasekufeni,
siphile elonwabeni.
(CHORUS)
Zukisani uThixo
NoNyana wakhe
Osikhulule ngentlaw’lelo.
Ngoku sinethemba lokuphila
Emhlabeni phakade.
(Bona nezi: INdu. 2:6; 45:1; Isa. 9:6; Yoh. 6:40.)