Ingoma 94
Ukwaneliseka Zizipho ZikaThixo
1. Isipho sethu sobomi
Sivela kuThixo.
Zonk’ izipho esinazo
Sizinikwe nguye.
UThixo uthembekile
Ngamaxesha onke.
UnguMthombo wobomi bethu
Nowezipho zethu.
2. UThixo uyasixhasa
Imihla ngemihla.
Uxhasa yonke indalo,
Wondla kwaneentaka.
Ngoko asixhalabanga,
Sithembele kuye.
Usinika zonke izipho
Ezilungileyo.
3. Izinto zeli hlabathi
Zonke zililize.
Musa ukuzisukela,
Ungazinqweneli.
Funda ukwaneliseka
Zizipho onazo.
Kuxabise konke uThixo
Akunike kona.
(Bona nezi: Yer. 45:5; Mat. 6:25-34; 1 Tim. 6:8; Heb. 13:5.)