Ingoma 115
Ukwenza Indlela Yethu Iphumelele
1. Siyoliswa kukufunda
ILizwi likaYa.
Zimisele ukufunda
Imihla ngemihla.
Landel’ ukhokelo lwalo,
Uze uthobele.
(CHORUS)
Funda rhoqo iZibhalo,
Wosikeleleka.
Landel’ ukhokelo lwazo,
Uz’ uphumelele.
2. Ookumkani bakwaYuda
Bayalelwa oku:
‘Bhalani imiyalelo
Evela kuThixo,
Niyifunde ntsuku zonke,
Ukuze ningoni.’
(CHORUS)
Funda rhoqo iZibhalo,
Wosikeleleka.
Landel’ ukhokelo lwazo,
Uz’ uphumelele.
3. Ukuzondla ngeZibhalo
Kuqinis’ ukholo.
Kukwasinika ithemba
Noxolo lwengqondo.
Ngoko ke masizifunde,
Size somelele.
(CHORUS)
Funda rhoqo iZibhalo,
Wosikeleleka.
Landel’ ukhokelo lwazo,
Uz’ uphumelele.
(Bona nezi: Dut. 17:18; 1 Kum. 2:3, 4; INdu. 119:1; Yer. 7:23.)