Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 35

Umbulelo Ngomonde KaThixo

Umbulelo Ngomonde KaThixo

(2 Petros 3:15)

1. Bawo wethu, Thixo Somandla,

Ungumthandi wokulunga.

Wona umhlaba uphela

Uzaliswe ziinkathazo.

Kodwa likufuphi ixesha,

Lokuba uzise uxolo.

Siyakubulela Bawo,

Ngethemba lobomi benene.

2. Sith’ enkosi kuwe Yehova,

Kuba uye wanomonde.

Oko kuvule ithuba

Lokuba abangendawo

Baguquk’ ezonweni zabo,

Baze nabo bakudumise.

Ngoko siyakubulela,

Yaye sohlala sikukhonza.

(Bona nezi: Luka 15:7; 2 Pet. 3:8, 9.)