Ingoma 85
Umvuzo Opheleleyo Ovela KuYehova
1. UYehova uthembekile kubo
Bonke abakhonzi bakhe.
Uyazi ukuba batsala nzima
Ngenxa yokumkhonza kwabo.
Ukuba ulahlwe yintsapho yakho
UYehova wokuxhasa.
Wokunika intsapho yokomoya
Nobomi kumhlaba omtsha.
(CHORUS)
Wanga uYehova anganani,
Anivuze ngokupheleleyo.
Wanga yena anganixhasa,
Kuba uYehova Uthembekile.
2. Kukho kuthi abo bangatshatanga,
Begcine ingqibelelo.
UThixo uya kubavuza bonke
Ngokuzinikela kwabo.
Ngenxa yokungabi namaqabane
Banokuba ngamalolo.
Ngamana ibandla lingabaxhasa
Aba bathembekileyo.
(CHORUS)
Wanga uYehova anganani,
Anivuze ngokupheleleyo.
Wanga yena anganixhasa,
Kuba uYehova Uthembekile.
(Bona nezi: ABagwe. 11:38-40; Rute 2:12; Mat. 19:12.)