Ingoma 50
Umzekelo KaThixo Wothando
1. UThixo wethu usibonisile
Indlela
Yothando.
Uthando lwakhe luyasikhokela.
Masihambe,
Masihambe
Eluthandweni, sixelis’ uThixo,
Sibe nothando kubantu ngabantu,
Kuba uThixo esimxelisayo
Uluthando,
Uyasithanda.
2. Xa sibathanda bonke ebandleni
Ngenene
NjengoYa,
Uthando olo luya kusiqhuba,
Kwiinto zonke,
Kwiinto zonke.
Luya kusenza sixolel’ abanye
Izono zabo zokungafezeki,
Siphathe bonke abasebandleni
Sibaphathe
Ngothando bonke.
3. UThixo wethu simkhonza ngothando
Imihla
Ngemihla.
Siyamthobela ngokuzithandela,
Simdumise,
Simdumise.
Ngamana sonke singamvakalisa
Kubantu bonke abamamelayo.
Uzimiselo lwethu enkonzweni
Lubonisa
Uthando lwethu.
(Bona nezi: Roma 12:10; Efe. 4:3; 2 Pet. 1:7.)