Ingoma 80
Uphawu Lokulunga
1. Masihlakulele sonke
Uphawu lokulunga,
Sixelis’ uBawo wethu,
Kuba unokulunga.
UYehova usiphatha
Ngenceba nobubele.
Ngokosonke masikhonze
UThixo wokulunga.
2. Senziwe ngomfanekiso
KaThixo wokulunga.
Ngoko nathi mas’bonise
Uphawu lokulunga.
Sonke masihlakulele
Is’qhamo sokulunga.
Mas’qhubeke sisicela
KuThixo ngomthandazo.
3. Masibonis’ ukulunga
Kubazalwana bethu.
Kodwa masiphathe bonke
Abantu ngokulunga.
Njengoko sishumayela
Masingabi namkhethe
Mas’bonise kubo bonke
Uphawu lokulunga.
(Bona nezi: INdu. 103:10; Mar. 10:18; Gal. 5:22; Efe. 5:9.)