Ingoma 18
Uthando LukaThixo Olunyanisekileyo
1. UThixo luthando!
Usiphatha ngothando.
Wasinika uNyana
Ukuba asifele,
Ukuze sisindiswe,
Siphile ngolonwabo.
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa,
Emanzini obomi,
Niphile phakade.
2. UThixo luthando!
Silubona ngezenzo.
Ulubonakalise
Ngokuthi asinike
UKristu umlawuli
WoBukumkani bakhe.
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa,
Emanzini obomi,
Niphile phakade.
3. UThixo luthando!
Lwanga uthando lwakhe
Lungasishukumisa,
Nathi sibe nothando.
Masimeme abantu,
Ngothando sithi kubo:
(CHORUS)
Nina ninxaniweyo,
Ningasela ngesisa,
Emanzini obomi,
Niphile phakade.
(Bona nezi: INdu. 33:5; 57:10; Efe. 1:7.)