Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 113

Uxabiso NgeLizwi LikaThixo

Uxabiso NgeLizwi LikaThixo

(Filipi 2:16)

1. Yehova Somandla siyabulela,

NgeLizwi lakho osinike lona.

Uye waphefumlela ababhali balo.

Uyasifundisa, ngeLizwi lakho.

2. Imfundiso yalo inomtsalane.

Libhalwe ngabantu abanjengathi.

Komeleza ukholo ukufunda ngabo.

Kuyasihlaziya, kusiqinise.

3. Linamandl’ iLizwi lakho Yehova.

Lahlula umphefumlo kwanomoya.

Lihlola iingcamango neentliziyo zethu.

Liyasilungisa, lisilumkise.