Ingoma 47
Vakalisa Iindaba Ezilungileyo
1. Inyaniso ngoBukumkani neMbewu
Yayikade ifihliwe eluntwini.
UYehova ngenceba yakhe nothando,
Waluvela uluntu olunesono.
Wamisela uNyana njengomlawuli
WoBukumkani bakhe basemazulwini.
Walungiselel’ uNyana umtshakazi,
Umhlambi omncinane okhethiweyo.
2. UYehova ufuna ukuba sonke
Sazise bonke abantu ngezi ndaba.
Iingelosi zakhe ziyasithelela,
Ziyasinceda ekushumayeleni.
Sinelungelo elikhethekileyo
Lokungcwalisa igama likaYehova.
Sizimisele ukuzivakalisa
Ngenkuthalo iindab’ ezilungileyo.
(Bona nezi: Marko 4:11; IZe. 5:31; 1 Kor. 2:1, 7.)