Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 82

Xelisa Ubulali BukaKristu

Xelisa Ubulali BukaKristu

(Mateyu 11:28-30)

1. Oyena mntu mkhulu nguYesu Kristu,

Kodwa akazange abe nekratshi.

UThixo umphakamise kakhulu,

Kodwa usoloko elulamile.

2. Nonke nina nisindwayo ngumthwalo,

Thabathani idyokhwe yobubele.

Iya kunihlaziya ngokwenene.

INkosi uYesu inobubele.

3. UYesu wathi “ningabazalwana.”

Ngoko masingafuni ubukhulu.

UThixo ufun’ abanobulali.

Baya kuwudla ilifa umhlaba.