Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 107

Yiza Entabeni KaYehova

Yiza Entabeni KaYehova

(Isaya 2:2-4)

1. Jonga entabeni,

Intaba kaYehova.

Yiya kuyo le ntaba

Ephakamileyo.

Abalungileyo

Babalekela kuyo.

Bakwabiza nabanye

Besithi ‘Yizani.’

Lixesha lokuba

Sibalekele kule ntaba.

Njengoko lusanda

Ulwazi lwethu ngoYehova,

Masimeme bonke,

Basondele kuThixo.

Uya kubasindisa

Abasabelayo.

2. Shumayela izwi,

Siyalelwe nguYesu.

Ngoko yazisa bonke,

Shumayela kubo.

Ngoku uyalaw’la

UKristu emhlabeni.

Abalulamileyo

Bathobel’ uThixo.

Bameme ukuba

Banqule uThixo baphile.

Ngothando sinceda

Abantu bazi uYehova.

Ngoko mas’bhengeze,

Simeme bonke beze,

Kuyo yona le ntaba

Baze basindiswe.