Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 119

Yiza! Uhlaziyeke

Yiza! Uhlaziyeke

(Hebhere 10:24, 25)

1. Ihlabathi alimazi uThixo,

Alazi neendlela zakhe.

Ngoko masikholose ngoYehova,

Ukuze siphumelele.

Masikhuthalele iintlanganiso,

Soqina elukholweni.

Sovuselelwa enkonzweni yethu,

Sivelise iziqhamo.

Ezintlanganisweni sikhunjuzwa

Imiyalo kaYehova.

Sivuselelwa naseluthandweni

NgoThixo nangenyaniso.

2. Masiphulaphule isiluleko

Esivela kuYehova.

Oku sikwenza ngokubakho rhoqo

Kwiintlanganiso zebandla.

Abadala bebandla bayasakha,

Ngeentetho neziluleko.

Sinabazalwana kunye noodade

Esikhonza kunye nabo.

Bayasixhasa, bayasomeleza

Njengoko sikhonza nabo.

Ngoko sonke masizikhuthalele

Iintlanganiso zebandla.