Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 14

Zonke Izinto Zenziwa Ntsha

Zonke Izinto Zenziwa Ntsha

(ISityhilelo 21:1-5)

1. UBukumkani sele bulawula.

UYesu Kristu usetroneni.

Walwa emazulwini woyisa,

Nasemhlabeni uza koyisa.

(CHORUS)

Vuyani kuba uThixo

Uhleli kunye noluntu.

Uya kuzisula iinyembezi,

Aphelise iintlungu nokufa.

Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

Oku kuyinyaniso.

2. Sibona iYerusalem enyulu,

Umtshakazi weMvana kaThixo.

Uhonjisiwe, uqaqambile,

Usekukhanyeni kukaThixo.

(CHORUS)

Vuyani kuba uThixo

Uhleli kunye noluntu.

Uya kuzisula iinyembezi,

Aphelise iintlungu nokufa.

Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

Oku kuyinyaniso.

3. Le Yerusalem izisa uvuyo.

Amasango ayo avuliwe.

Ikhanyisela bonke abantu,

Abangabakhonzi bakaThixo.

(CHORUS)

Vuyani kuba uThixo

Uhleli kunye noluntu.

Uya kuzisula iinyembezi,

Aphelise iintlungu nokufa.

Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

Oku kuyinyaniso.