INGOMA 106
Sifuna Ukubathanda Abantu
-
1. Sithandaza kuThixo wethu,
Sicela ukuba nothando.
Lubalulekile uthando,
Kuba lusenza simanyane.
Sisenokuba zizilumko,
Kodwa kufuneka uthando.
Sithanda ngamazwi nezenzo,
Ukuze sikholis’ uThixo.
-
2. Uthando lufuna ukupha,
Luyabakhathalel’ abanye.
Alucingi zinto ezimbi,
Luyabaxolela abanye.
Lusinceda sinyamezele,
Lukwathwala izinto zonke.
Masiluvumele loyise,
Aluze luphele uthando.
(Funda nezi: Yoh. 21:17; 1 Kor. 13:13; Gal. 6:2.)