INGOMA 109
Masithandane Ngokusuka Entliziyweni
-
1. Masithandaneni sonke
Ngokusuk’ entliziyweni.
Sivuyise uYehova
Osithanda sonke.
Masibonise ngezenzo
Ukuba siyathandana,
Sibacingele abanye
Sibe ngabahlobo.
Masibancede bonke
Nabaphi na abasweleyo.
Masibe nobubele
Uya kuvuya uYa.
Masixelise uYesu
Sithande bonke abantu.
Ngaloo ndlela sibonisa
Uthando lokwenene.
Sixelisa uThixo.
(Funda nezi: 1 Pet. 2:17; 3:8; 4:8; 1 Yoh. 3:11.)