INGOMA 117
Uphawu Lokulunga
-
1. Ulungile uYehova,
Uyasisikelela.
Usiphatha ngobubele
Uhlala elungile.
Unenceba nobabalo,
Iimpawu zokulunga.
Ufanelwe kukukhonzwa
Ngabantu bakho bonke.
-
2. Ukulunga kwakho Thixo
Sikubona kubantu
Abaziphethe kakuhle,
Nabashumayelayo.
Ngokusifundisa kwakho,
Siye siphumelele.
Sicela umoya wakho
Usikhokele sonke.
-
3. Masibonis’ ukulunga
Kubazalwana bethu.
Kodwa masiphathe bonke
Abantu ngokulunga.
Entsatsheni, ebandleni
Naselumelwaneni,
Mas’bonise kubo bonke
Uphawu lokulunga.
(Funda nezi: INdu. 103:10; Marko 10:18; Gal. 5:22; Efe. 5:9.)