INGOMA 136
‘Umvuzo Opheleleyo’ Ovela KuYehova
-
1. UYehova uthembekile kubo
Bonke abakhonzi bakhe.
Uyazi ukuba batsala nzima
Ngenxa yokumkhonza kwabo.
Ukuba ulahlwe yintsapho yakho
UYehova wokuxhasa.
Wokunika intsapho yamaKristu
Nobomi kumhlaba omtsha.
(CHORUS)
Wanga uYehova anganani,
Anivuze ngokupheleleyo.
Wanga yena anganixhasa,
Kuba uYehova uthembekile.
-
2. Maxa wambi zisenokusisinda
Iingxaki zethu zobomi.
Zisenokubonakala zingapha
Koko sinokukuthwala.
UYehova uyasithuthuzela
Xa sithandazel’ uncedo.
NgeLizwi, umoya kwanabahlobo,
Siziva sithandwa gqitha.
(CHORUS)
Wanga uYehova anganani,
Anivuze ngokupheleleyo.
Wanga yena anganixhasa,
Kuba uYehova uthembekile.
(Funda nezi: ABagwe. 11:38-40; Isa. 41:10.)