INGOMA 137
Abafazi Abathembekileyo
-
1. Abafazi bexesha lakudala
Babenokholo olomeleleyo.
Abanye babo nguSara noRute.
Babekhonz’ uThixo ngokuthembeka.
Babenyanisekile kuThixo.
Ubhalile ngabo eLizwini lakhe.
-
2. Aba bafazi babethembekile,
Bemthanda kakhulu uThixo wabo.
Oodade abangamaKristu namhla
Banokufunda kumzekelo wabo.
Xelisani umzekelo wabo.
Nikhonze uThixo ngokuzimisela.
-
3. Nina bodade abangamaKristu,
Zimiseleni enkonzweni yenu.
Hlalani nithembekile kuThixo.
Xelisan’ abafazi bakudala.
Nize nihlale nithembekile.
Niza kufumana umvuzo wobomi.
(Funda nezi: Fil. 4:3; 1 Tim. 2:9, 10; 1 Pet. 3:4, 5.)