Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 139

Zibone Ukwihlabathi Elitsha

Zibone Ukwihlabathi Elitsha

(ISityhilelo 21:1-5)

  1. 1. Khawuz’bone, ubone nam,

    Xa siphila kwihlabath’ elitsha.

    Khawucinge ngokuphila

    Ngolonwabo eluxolweni.

    Kuzophela ukoyika,

    Indalo izokhululeka.

    Kwelo hlabathi socula ingoma,

    Yokudumisa uThixo wethu sithi:

    (CHORUS)

    “Yehova Thixo, siyabulela!

    Wenze zonke izinto zaba ntsha.

    Siyakudumisa ngokukuculela.

    Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.”

  2. 2. Khawubone, xa siphila,

    Kwihlabathi elitsha ngoxolo.

    Akusayi kubakho nto

    Isenzakalisayo apho.

    Iinyembezi zizosulwa.

    Bonk’ abantu baza konwaba.

    Kuzovuswa nabaswelekileyo,

    Bazodumisa uThixo nathi bathi:

    (CHORUS)

    “Yehova Thixo, siyabulela!

    Wenze zonke izinto zaba ntsha.

    Siyakudumisa ngokukuculela.

    Lolwakho lonke uzuko kwanembeko.”