INGOMA 14
Zukisani UKumkani Omtsha Womhlaba
-
1. UKristu nebandla lakhe
labathanjisiweyo,
Baye bahlanganisa
isihlwele esikhulu.
Ngoku uKrist’ umiselwe
NjengoKumkani wabantu.
Uza kuphumeza intando kaThixo
Aph’ emhlabeni.
(CHORUS)
Zukisani uThixo noNyana wakhe
OnguKumkani wooKumkani.
Ngoku sonke sithobela yena
Sohlala simdumisa.
-
2. Siyamzukisa uKristu
onguKumkani wethu.
Le Nkosana yoXolo
yenza intando kaThixo.
Ngoku sonke siyavuya
Kuba siza kukhululwa
Esonweni nasekufeni.
Siphile eluxolweni!
(CHORUS)
Zukisani uThixo noNyana wakhe
OnguKumkani wooKumkani.
Ngoku sonke sithobela yena
Sohlala simdumisa.
(Funda nezi: INdu. 2:6; 45:1; Isa. 9:6; Yoh. 6:40.)