Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 146

‘Zonke Izinto Zenziwa Ntsha’

‘Zonke Izinto Zenziwa Ntsha’

(ISityhilelo 21:1-5)

  1. 1. UBukumkani sele bulawula.

    UYesu Kristu usetroneni.

    Walwa emazulwini woyisa,

    Nasemhlabeni uza koyisa.

    (CHORUS)

    Vuyani kuba uThixo

    Uhleli kunye nabantu.

    Uza kuzisula iinyembezi,

    Aphelise iintlungu nokufa.

    Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

    Oku kuyinyaniso.

  2. 2. Siyayibon’ iYerusalem entsha

    Umtshakazi weMvana kaThixo.

    Uhonjisiwe, uqaqambile,

    Usekukhanyeni kukaThixo.

    (CHORUS)

    Vuyani kuba uThixo

    Uhleli kunye nabantu.

    Uza kuzisula iinyembezi,

    Aphelise iintlungu nokufa.

    Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

    Oku kuyinyaniso.

  3. 3. Le Yerusalem izisa uvuyo.

    Iigeyithi zayo zivuliwe.

    Ikhanyisela bonke abantu,

    Abangabakhonzi bakaThixo.

    (CHORUS)

    Vuyani kuba uThixo

    Uhleli kunye nabantu.

    Uza kuzisula iinyembezi,

    Aphelise iintlungu nokufa.

    Uthi: ‘Iinto zonke ndizenza ntsha.’

    Oku kuyinyaniso.