Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 17

“Ndiyathanda”

“Ndiyathanda”

(Luka 5:13)

  1. 1. Unobubele uYesu

    Washiya ikhaya lakhe.

    Wasikhathalela

    Esifundisa

    Ngamazwi kwanangezenzo.

    Uye wasithuthuzela

    Wancama ubomi bakhe.

    Xa kwakucelwa kuye uncedo,

    Ngothando wathi: “Nd’yathanda.”

  2. 2. Ngoku sixelisa yena

    Ngokwenza izint’ ezintle.

    Sibathanda bonke

    Abamelwane

    Sibafundisa ngoThixo.

    Siyabanceda abanye

    Ngakumbi abadingayo.

    Xa ke bona becela uncedo,

    Ngothando yithi: “Nd’yathanda.”