INGOMA 33
Lahlela Umthwalo Wakho KuYehova
-
1. Yehova ndiyakucela
nceda undimamele.
Ndiyagcuma ngaphakathi
ndincede ndingoyiki.
(CHORUS)
Lahlel’ umthwalo wakho kuThixo,
Ngothando wokuxhasa.
Akasayi kukushiya,
Wokunika amandla.
-
2. Ukuba bendilihobe,
Bendakubhabha ndimke,
Ukuze ndikhuseleke
Kwabandithiyileyo.
(CHORUS)
Lahlel’ umthwalo wakho kuThixo,
Ngothando wokuxhasa.
Akasayi kukushiya,
Wokunika amandla.
-
3. Sizimela ngawe Thixo,
nceda usikhusele.
Nceda usiphe amandla.
Kwanoxolo lwengqondo.
(CHORUS)
Lahlel’ umthwalo wakho kuThixo,
Ngothando wokuxhasa.
Akasayi kukushiya,
Wokunika amandla.
(Funda nezi: INdu. 22:5; 31:1-24.)