INGOMA 42
Umthandazo Womkhonzi KaThixo
-
1. Thixo wethu, Tata onothando,
Sikunika imbeko kwanozuko.
Mayenzeke intando yakho
Thixo omkhulu sithandazela
UBukumkani bakho,
Siphile ngolonwabo.
-
2. Sith’ enkosi, ngento yonke Thixo
Ubonise ukusithanda kwakho,
Mdali wobomi nokukhanya.
Usifundise iLizwi lakho.
Kwanga singaqhubeka
Sishumayela ngawe.
-
3. Emhlabeni siyacinezelwa.
Nceda Thixo usinike amandla.
Sithandaza sicela kuwe.
Siphe amandla okuqhubeka
Sikukholisa Thixo
Ubomi bethu bonke.
(Funda nezi: INdu. 36:9; 50:14; Yoh. 16:33; Yak. 1:5.)