INGOMA 43
Umthandazo Wokubulela
-
1. Yehova Thixo siyakubulela.
Sikudumisa nangomthandazo.
Nguwe esimthembileyo Yehova,
Kuba siyazi uyakhathala.
Siyakona Thixo imihla yonke,
Sicela us’xolele izono.
Siyakubulela ngonyana wakho
Nangokusikhathalela kwakho.
-
2. Siyaluxabisa uthando lwakho,
Nokusisondeza kwakho kuwe.
Sincede sikukhonze Thixo wethu.
Sifundise ukunyaniseka.
Sinike isibindi sokuthetha,
Kwanomoya oyingcwele.
Siza kukukhonza ngokuthobeka
Sikudumise ngonaphakade.
(Funda nezi: INdu. 65:2, 4, 11; Fil. 4:6.)