INGOMA 55
Ningaboyiki!
-
1. Qhubekani bakhonzi bam
Nishumayela rhoqo,
Ningoyiki utshaba.
Yazisani abantu,
Ukuba uYesu Kristu
Umgxothile uMtyholi,
Uza kumtshabalalisa,
Akhulule abantu.
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kuhlala ndinani,
Ndize ndinikhusele.
-
2. Enoba iintshaba zenu
Zinamandla kunani,
Enoba ziyahleka,
Ziniphathe kakubi,
Ningoyiki bakhonzi bam,
Ningayeki ukulwa,
Ndiya kunixhasa rhoqo,
Yaye niya koyisa.
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kuhlala ndinani,
Ndize ndinikhusele.
-
3. Ningoyiki abachasi,
Ndohlala ndinilwela.
Nokuba nithe nafa,
Ndophinda ndinivuse.
Ningoyiki nabani na,
Ndisoloko ndinani.
Ngoko gcinani ukholo,
Yaye nithembele ngam!
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kuhlala ndinani,
Ndize ndinikhusele.
(Funda nezi: Dut. 32:10; Neh. 4:14; INdu. 59:1; 83:2, 3.)