INGOMA 65
Qhubela Phambili!
-
1. Qhubela phambili elukholweni!
UThixo ufuna sikhul’ ekumkhonzeni.
Phucula inkonzo yakho kuThixo.
Wosikelelwa nguye.
Masizinikele sivuya.
Njengayo iNkosi uYesu.
Thembela ngoThixo akomeleze,
Umele inyaniso.
-
2. Qhubela phambili ushumayele!
Yazisa ngobomi obungunaphakade.
Dumisa uThixo unemihlali,
Ngokuya kwindlu ngendlu.
Iintshaba ziyasoyikisa,
Noko ke sikhonza ngehlombe.
Imini kaThixo iyasondela,
Ngoko ke shumayela.
-
3. Qhubela phambili ubabuyele
Bonke abanomdla,
ukuze basindiswe.
Umoya kaThixo wokukhokela,
Ze ube neziqhamo.
Bonisa uthando kubantu,
Ubuyele kwabo banomdla.
Bancede ukuze yonke imihla,
Bafunde inyaniso.
(Funda nezi: Fil. 1:27; 3:16; Heb. 10:39.)