INGOMA 67
‘Shumayela ILizwi’
-
1. UThixo usiyalele
Ukuba sixelele abanye
Ngalo ithemba esinalo.
Ke ngoko thobela umyalelo.
(CHORUS)
Shumayela!
Baxelele ngehlombe
ILizwi.
Bonk’ abantu mabazi
NgeLizwi.
Bancedeni baqonde
ILizwi,
Bonk’ abantu!
-
2. Maxa wambi koba nzima,
Sisenokuhlaziswa sichaswe.
Kodwa xa siva ubunzima,
UThixo wethu uyosixhasa.
(CHORUS)
Shumayela!
Baxelele ngehlombe
ILizwi.
Bonk’ abantu mabazi
NgeLizwi.
Bancedeni baqonde
ILizwi,
Bonk’ abantu!
-
3. Masishumayele rhoqo,
Sifundise abanye ngoThixo.
Masibabonise indlela,
Ze sibancede bazukis’ uYa.
(CHORUS)
Shumayela!
Baxelele ngehlombe
ILizwi.
Bonk’ abantu mabazi
NgeLizwi.
Bancedeni baqonde
ILizwi,
Bonk’ abantu!
(Funda nezi: Mat. 10:7; 24:14; IZe. 10:42; 1 Pet. 3:15.)