Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 69

Qhubekani Nishumayela NgoBukumkani!

Qhubekani Nishumayela NgoBukumkani!

(2 Timoti 4:5)

  1. 1. Phambili balungiseleli,

    Shumayelani rhoqo.

    Ngothando ncedani abantu

    Bazi ngoBukumkani.

    Siyakuvuyela kakhulu

    Ukusebenzel’ uThixo.

    Masishumayel’ entsimini,

    Sidumise uYehova.

    (CHORUS)

    Qhubekani nishumayela

    kubo bonk’ abantu.

    Qhubekani nishumayela

    ngokunyaniseka.

  2. 2. Siyashumayela sisonke,

    Nabathanjisiweyo.

    Abadala nabancinane,

    Bahlel’enyanisweni.

    Masazise bonke abantu

    Ngeendaba zoBukumkani.

    UYehova uyasixhasa,

    Ngoko masingoyiki nto!

    (CHORUS)

    Qhubekani nishumayela

    kubo bonk’ abantu.

    Qhubekani nishumayela

    ngokunyaniseka.