INGOMA 79
Zifundise Ukuhlala Ziqinile
-
1. Kumnandi ukukhathalela
Izimvu zikaThixo.
Siyazi uyasikhokela
Njengoko sizalusa.
(CHORUS)
Thixo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Nceda Thixo ube nazo.
Zifundise ukuhlala ziqinile.
-
2. Mihla le siyaz’thandazela,
Njengoko zivavanywa.
Sihlala sizikhathalela
Ukuze zomelele.
(CHORUS)
Thixo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Nceda Thixo ube nazo.
Zifundise ukuhlala ziqinile.
-
3. Sicela uzisikelele,
Zihlale zinokholo.
Zincede ziluphumelele
Ugqatso lwamaKristu.
(CHORUS)
Thixo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Nceda Thixo ube nazo.
Zifundise ukuhlala ziqinile.
(Funda nezi: Luka 6:48; IZe. 5:42; Fil. 4:1.)