INGOMA 84
Zincame
-
1. UYehova usinika
Amathuba okonwaba.
Usibonise indlela
Yokumkhonza sinovuyo.
(CHORUS)
Zincame, nikela,
ngamandla akho.
Apho kufuneka abantu,
nceda ngothando.
-
2. Umsebenzi awupheli.
Xa sinako siyanceda.
Sibonisa inkathalo.
Siyafuna ukunceda.
(CHORUS)
Zincame, nikela,
ngamandla akho.
Apho kufuneka abantu,
nceda ngothando.
-
3. Kwimimandla ekufuphi,
Sincedisa ekwakheni.
Sifunda ulwim’ olutsha,
Sisasaze inyaniso.
(CHORUS)
Zincame, nikela,
ngamandla akho.
Apho kufuneka abantu,
nceda ngothando.
(Funda nezi: Yoh. 4:35; IZe. 2:8; Roma 10:14.)