Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 84

Zincame

Zincame

(Mateyu 9:37, 38)

  1. 1. UYehova usinika

    Amathuba okonwaba.

    Usibonise indlela

    Yokumkhonza sinovuyo.

    (CHORUS)

    Zincame, nikela,

    ngamandla akho.

    Apho kufuneka abantu,

    nceda ngothando.

  2. 2. Umsebenzi awupheli.

    Xa sinako siyanceda.

    Sibonisa inkathalo.

    Siyafuna ukunceda.

    (CHORUS)

    Zincame, nikela,

    ngamandla akho.

    Apho kufuneka abantu,

    nceda ngothando.

  3. 3. Kwimimandla ekufuphi,

    Sincedisa ekwakheni.

    Sifunda ulwim’ olutsha,

    Sisasaze inyaniso.

    (CHORUS)

    Zincame, nikela,

    ngamandla akho.

    Apho kufuneka abantu,

    nceda ngothando.