Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

INGOMA 96

Incwadi KaThixo​​—⁠Ixabisekile

Incwadi KaThixo​​—⁠Ixabisekile

(IMizekeliso 2:1)

  1. 1. Kukho incwadi ezisa uxolo,

    Enik’ ithemba nevuyisayo.

    Iimfundiso zayo ziyaphilisa,

    Zikhanyisela bonke abantu.

    Loo ncwadi ziZibhalo Ezingcwele,

    Yabhalwa ngabaphefumlelweyo,

    Abantu abathanda uYehova,

    Nababeqhutywa ngumoya wakhe.

  2. 2. Babhala ingxelo echanileyo,

    Bechaza ngemvelaphi yendalo.

    Bakwabhale ngemfezeko yabantu,

    Nendlel’ ison’ esangena ngayo.

    Babhala nangengelosi ethile,

    Eyamvukelayo uYehova.

    Yabangela intlungu kwanesono,

    Kodwa uThixo uza koyisa.

  3. 3. Siphila kumaxesh’ avuyisayo.

    UKrist’ iNkosi uyalawula.

    Ngoku lixesha lokwazis’ abanye,

    Ngazo iindaba zoBukumkani.

    IBhayibhil’ inamathemb’ amahle,

    Maninzi yaye ayavuyisa.

    Isinika uxolo lokwenene,

    Ngoko le ncwadi iyathandeka.