Ingoma 136
UBukumkani Bumiselwe—Mabuze!
-
Yehova uhlala ukho,
De kube phakade.
Unik’ uNyana itrone;
Yena uyalaw’la.
UBukumkani buzelwe;
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
-
Ixesha likaSathana,
Seliza kuphela.
Nangona kunzima ngoku,
Sekuza kulunga.
UBukumkani buzelwe;
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
-
Iingelosi ziyavuya,
Zicula ngovuyo.
USathana ugxothiwe,
Kuwo amazulu.
UBukumkani buzelwe;
Buza kulaw’la umhlaba.
(CHORUS)
Ngoku bufikile
UBukumkani namandla.
Buye bamiselwa.
Sithi: “Mabuze, Mabuze!”
(Bona nezi: Dan. 2:34, 35; 2 Kor. 4:18.)