Ingoma 139
Zifundise Ukuhlala Ziqinile
-
Kumnandi ukunyamekela
Izimvu zikaThixo.
Siyazi uyasalathisa
Njengoko sizalusa.
(CHORUS)
Bawo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Egameni likaYesu: Zifundise
Ukuhlala ziqinile.
-
Mihla le siyaz’thandazela,
Njengoko zivavanywa.
Sihlala sizinyamekela
Ukuze zomelele.
(CHORUS)
Bawo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Egameni likaYesu: Zifundise
Ukuhlala ziqinile.
-
Ngamana zingakukholisa,
Zihlale zinokholo.
Zincede ziluphumelele
Ugqatso lokomoya.
(CHORUS)
Bawo wethu siyacela,
Yiba nazo ntsuku zonke.
Egameni likaYesu: Zifundise
Ukuhlala ziqinile.
(Bona nezi: Luka 6:48; IZe. 5:42; Fil. 4:1.)