ILizwi Lakho Liya Kuhlala Likho
1. Bajonga phezulu
Benentlonelo ngawe.
Baza bakubulela
Ngokubabonis’ uthando.
Wabanik’ inyhweba,
Yok’shumayela ngawe.
Namhla sifunda ngabo.
Sincedwa ngumzekelo wabo.
Bakuthanda nyhani,
Bevuyel’ ukukukhonza—
Wathi mababhale iLizwi,
Lakho ze lihlale likho.
(CHORUS)
Lakuhlala likhona,
Usifundisa ngalo.
Oko likutshoyo kuyasihlaziya,
Ndozenz’ iimfundiso zalo.
2. Oh, Zange iintshaba zikwazi,
Ukukuthulisa.
Abantu bakho bahlale
Benokholo, bekukhonza.
Xa kwayekiswa iBhayibhile,
Babonisa isibindi.
Babonis’ ukholo ibe ngenxa yoko,
IBhayibhile isekhona.
(CHORUS)
Ngoko lakuhlala likhona,
Usifundisa ngalo.
Oko likutshoyo kuyasihlaziya,
Ndozenz’ iimfundiso zalo.
3. ILizwi lakho liyakuchaza.
Ukub’ unguYehova.
Lakuhlala likho,
Nabakhonzi bakho,
Bakukhonze yonk’ imihla.
(CHORUS)
Ngoko lakuhlala likho,
Usifundisa ngalo.
Oko likutshoyo kuyasihlaziya,
Ndozenz’ iimfundiso zalo,
Ubomi bam bonke.