Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Masixolelane

Masixolelane
  1. 1. Ndiyaz’ ubuzam’ ukundinceda.

    Ubusoloko unobubele.

    Kodwa undihlabe ngamazw’ akho.

    Ndize ndibone ukuba,

    Bingeyonjongo yakho.

    (CHORUS)

    Lingekatshoni ilanga,

    Loo ngxaki masiyilungise.

    Sixolelane,

    Size siyilibale.

    S’hlalisan’ eluxolweni.

  2. 2. Abazalwana ngeliny’ ixesha.

    Banokukhathaza ngamazw’ abo.

    Kusenjalo ubon’ okuhle,

    Uze uchukumiseke;

    Xolel’ uzulibale.

    (CHORUS)

    Lingekatshoni ilanga,

    Loo ngxaki masiyilungise.

    Sixolelane,

    Size siyilibale.

    S’hlalisan’ eluxolweni.

    (BRIDGE)

    Akho nto, inako. Ukusahlukanisa siyathandana.

    Xolelani; zenilibale.

    Bobona buhlobo obo.

    (CHORUS)

    Lingekatshoni ilanga,

    Loo ngxaki masiyilungise.

    Sixolelane,

    Size siyilibale.

    Kuqal’ aph’ entliziyweni.

    Sithandane, size sixolelane.