Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ukufunda Ngundoqo

Ukufunda Ngundoqo

Dawunlowuda:

  1. 1. Sisakhasa, ekhaya safundiswa.

    Nangona sasisebancinci sasiqonda.

    Utata wayendifundel’ eb’suku.

    Ndisafunda nangoku sele ndikhulile.

    Naxa ndindodwa ndithatha laa ncwadi ndiyifunde.

    Ndikhumbula oko zikutshoyo izibhalo ukuze nd’qine.

    (CHORUS)

    Ukufunda ngundoqo,

    Njengomthi otyalwe ngasemlanjeni.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ozifake zatshon’ iingcamb’ emhlabeni.

    Ukufunda ngundoqo,

    Uya kuphumelela kuyo yonk’ into.

    Ukufunda ngundoqo.

    Uza kukhula uze ube nob’lumko.

  2. 2. Ndiza kuthini xa kuvel’ ithuba?

    Baza kuthini abanye xa ndahlukile?

    Luninzi ulwazi oluphambi kwam.

    Andoyiki kuba ndafunda ndisemncinci.

    Naxa ndindodwa ndithatha laa ncwadi ndiyifunde.

    Ndikhumbula oko zikutshoyo izibhalo ukuze nd’qine.

    (CHORUS)

    Ukufunda ngundoqo,

    Njengomthi otyalwe ngasemlanjeni.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ozifake zatshon’ iingcamb’ emhlabeni.

    Ukufunda ngundoqo,

    Uya kuphumelela kuyo yonk’ into.

    Ukufunda ngundoqo.

    Uza kukhula uze ube nob’lumko.

    (BRIDGE)

    Yonk’ int’ endiyifundayo

    Inokuba luncedo

    Nditsho ndikwazi ukunceda oding’ ukhuthazo

    (CHORUS)

    Ukufunda ngundoqo.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ukufunda ngundoqo,

    Njengomthi otyalwe ngasemlanjeni.

    Ukufunda ngundoqo.

    Ozifake zatshon’ iingcamb’ emhlabeni.

    Ukufunda ngundoqo,

    Uya kuphumelela kuyo yonk’ into.

    Ukufunda ngundoqo.

    Uza kukhula uze ube nob’lumko.