Yiya kwinkcazelo

Ndandithandaza Ndikumthi Wom-Oki

Ndandithandaza Ndikumthi Wom-Oki

 URachel ohlala kwiDominic Republic, Uthi, “Ndazalwa kwintsapho eyayikhonza uYehova. Okubuhlungu kukuba, xa ndandineminyaka eyi-7, uTata wayeka ukukhonza uYehova kangangokuba wayengafuni nokuyibona inyaniso. Wenza kwabanzima ukuba ndikhonze uYehova. Ngokomzekelo, wayezama ukundenza ndiyeke ukukhonza uYehova esithi, ukuba ndiyayeka uza kundithengela ifowuni, andikhuphe andise eDisneyland okanye andinike nekhadi lebhanki! Ngamanye amaxesha wayekhe andibethe nangamanqindi esithi ‘ukhupha uYehova kum.’ Wayesithi ukuba andikwazi ukuthetha nokuhamba, andizukwazi ukuya. Wayebethe ecaleni kanti. Ndandisoloko ndizimisele ukuya kwiintlanganiso.

 “UTata wayeqinisekisa ukuba akandibethi xa kukho umama. Wandixelela ukuba naye uza kumbetha ukuba ndiyamxelela ukuba uyandibetha. Xa ndibonakala ukuba ndibethiwe, wayexoka athi kungenxa yokuba ebendifundisa ezinye iindlela zokulwa.

 “Ndandimncinci ibe ndandimoyika kakhulu uTata, yiloo nto ndingazange ndamxelela umama ukuba kwakusenzeka ntoni. Ndandiye ndixelele uYehova. Ndandidla ngokuzithela chu ndihambe ngakwihlathi elalisemva kwasekhaya eMaryland, eseU.S.A. Phaya kwakukho umthi wom-oki owawunamasebe endandikwazi ukuhlala kuwo, ndithethe noYehova. Ndandiye ndimchazele indlela endiziva ngayo, ndimchazele nezinto endandizokumenzela zona xa sele ndimdala, ndize ndimcele andincede ndikwazi ukunyamazela. Ndandiye ndimxelele izinto endandiza kuzenza kwihlabathi elitsha elizayo, intsapho endandiza kuba nayo, nendlela endandiza kuba noxolo ngayo ndingenantlungu nokoyika.

 “Xa uTata wayezama ukundiyekisa ukukhonza uYehova ngokundibetha nokundithengela izipho, ndandisoloko ndisiva isandla sikaYehova sindithuthuzela yaye sindomeleza. Wandinceda ndahlala ndithembekile kuye ndaza ndangagungqi.

 “Nsabhaptizwa xa ndandineminyaka eyi-10, ndaza ndaqalisa ukuba nguvulindlela kwiminyaka emibini eyalandelayo. Ekuqaleni uTata wayengayazi ukuba ndibhaptiziwe ibe ndinguvulindlela. Wathi asokuyazi wandibetha ngenqindi wandophula umhlathi.

 “Abanye babesithi mandiyeke ukuba nguvulindlela kuba besithi ndandisemncinci kwaye babenexhala lokuba andisiqondi isigqibo endandisenzile. Ekuhambeni kwexesha ndaqalisa ukubona abasebatsha abaninzi kwindawo endandihlala kuyo beqalisa ukungazimiseli ukukhonza uYehova. Babehamba iipati bephilela ulonwabo. Yayibonakala imnandi le ndlela babephila ngayo! Ndandikhe ndiyibawele ngamanye amaxesha! Qho xa ndandiziva ngolo hlobo ndandiye ndithandaze kuYehova ndimxelele.

 “Xa ndandineminyaka eyi-15, ndafowunelwa ngomnye umntu owayesebenza kwinkampani enkulu yokumodela. Bandithembisa ukundinika umsebenzi owawuza kundibhatala imali eninzi iiofisi zayo zaziseMilan, eItaly. Ndaba nomdla xa babendixelela ukuba ndingakwazi ukumodela ndivele nakwiimagazini, ndize ndinxibe neempahla ezidurayo. Ndandisele ndinguvulindlela phantse iminyaka emithathu. Ngoko ndandicinga ukuba lo msebenzi ungakwazi ukundinceda ndiqhubeke nobuvulindlela bam ixesha elide. UTata wayesele eyekile ukuhlala nathi, ngoko ndandicinga ukuba le mali yayinokwazi nokunceda umama nakwezinye izinto esizidingayo.

 “Ndathandaza ngale nto. Ndathetha nomama kuba wayesele eneminyaka emininzi enguvulindlela, ndaphinda ndathetha nomdala onobubele. Njengesiqhelo, ndaya nakumthi wam ndaza ndathandaza. UYehova wayiphendula imithandazo yam ngevesi yeBhayibhile endayiboniswa ngulo mdala. YayiyiNtshumayeli 5:4, ethi “Nanini na uthembisa uThixo, sukulibazisa ukuyenza loo nto umthembise yona.” Ndandimthembisile uYehova ukuba ndandiza kumkhonza ubomi bam bonke, kodwa ndandisoyika ukuba lo msebenzi wawuza kuyiphazamisa inkonzo yam. Ndagqiba ekubeni ndingawuthathi.

 “Ndakwazi ukuzinyamezela zonke izinto ezazisenzeka kum! Ibe ngoku ndihleli kamnandi nomyeni wam, uJaser, nonyana wethu uConnor oneminyaka eyi-9. Umyeni wam nguMdala, unyana wethu yena ngumvakalisi ongabhaptizwanga Ndineminyaka ephantse ibeyi-27 ndikwinkonzo yexesha elizeleyo.

 “Ndimane ndiyicinga imithandazo endandimane ndiyenza ndikumthi wom-Oki owawukwihlathi elisemva kwasekhaya. Ndandisoloko ndimcela uYehova ukuba andincede, ibe uyenzile lo nto. Uye wandiqinisa, wandithuthuzela waza wandibonisa into emandiyenze. Ubomi bam bonke oko endibonisa indlela anguTata onothando ngayo. Andizisoli tu ngokuba ndaye ndakhetha ukumkhonza ngentliziyo yam yonke. Sesona sigqibo sobulumko ndakhe ndasenza.”