IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu
Ubomi Obunenjongo
Indlela Endaqala Ngayo Ukuphila Ubomi Obumnandi
Jonga indlela iBhayibhile eyayinceda ngayo enye indoda eyayingakwazi ukumelana nendlela eyayiziva ngayo ukususela isengumntana.
UJuan Pablo Zermeño: UYehova Wandenza Ndonwaba Ebomini
Asikhawulezi sizilibale izinto ezibuhlungu ezakhe zenzeka kuthi, ibe zinayo nento eziyenzayo. Yiva indlela uJuan Pablo aye wonwaba ngayo ebomini waza wanoxolo, nangona ekhule kabuhlungu.
Uthando Olungagungqiyo Luza Kuyoyisa Nini Inzondo?
Kunokuba yinto enzima ukuyeka ukuba nenzondo. Bukela indlela umYuda nomArabhu abayenza ngayo loo nto.
Ndamangaliswa Ziimpendulo ZeBhayibhile Ezicacileyo Nezivakalayo
UErnest Loedi wafumana iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo ebomini. Iimpendulo ezicacileyo zeBhayibhile ziye zamnika ithemba lokwenene ngekamva.
Imibuzo Emithathu Eyatshintsha Ubomi Bam
Xa umfundi waba ngumfundisi, uDoris Eldred waphenduleka kwimibuzo awayenayo ngobomi.
Ndandingafuni Ukufa!
UYvonne Quarrie wakhe wabuza wathi, “Kutheni ndilapha?” Impendulo yabutshintsha ubomi bakhe.
Zininzi Izinto Andenzele Zona UYehova
Yiyiphi inyaniso yeBhayibhile eyanceda uCrystal, owayelixhoba lokuxhatshazwa ngesondo esengumntwana, wangumhlobo kaThixo waza waphila ubomi obenentsingiselo?
Andisenazintloni Ngobuntu Bam Ngoku
Funda indlela uIsrael Martínez awakwazi ngayo ukuyeka ukuziva engabalulekanga waza wakwazi ukuzihlonopha.
Ngoku Ndingabanceda Abanye
UJulio Corio wenzakala kabuhlungu waza wacinga ukuba uThixo akamkhathalelanga. Isibhalo esikwiEksodus 3:7 sayitshintsha indlela amjonga ngayo.
Ndandicinga Ngesiqu Sam Kuphela
UChristof Bauer wafundisisa iBhayibhile ngoxa wayekwisikhitshane sakhe esincinane elwandle. Yintoni awayifundayo?
Ndandisilwa Ubuhlanga
URafika wayekwiqela elalisilwa ubuhlanga. Kamva wafunda ngethemba loBukumkani BukaThixo obuza kuzisa uxolo nobulungisa.
“Andisacingi Ngokutshintsha Ihlabathi”
Ukufunda iBhayibhile kwalinceda njani iqhawe lomzabalazo lafunda ngeyona nto eya kuzisa utshintsho ebantwini?
Ndawubeka Phantsi Umpu Wam
Bukela indlela isigidimi seBhayibhile esithuthuzelayo esamnceda ngayo uCindy watshintsha ubuntu bakhe obabundlongondlongo.
Ndandisithi Akakho UThixo
Wenza njani omnye umfana owayephenjelelwe kakhulu bubuKomanisi nokungakholelwa kubukho bukaThixo ukuze ayithande iBhayibhile?
IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu—Novemba 2012
Ibhinqa elalinomsebenzi owanelisayo, umngcakazi nendoda eyayiphlelwe litheba ebomini balufumana njani ulonwabo lokwenene?
IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu—Indoda Eyayikade Inesithembu Ngoku Ingumyeni Olungileyo
Yintoni eyenza le ndoda yayikade inesithembu yatshintsha imbono yayo ngomtshato?
Iinkolelo Ezitshintshileyo
“Ndandinemibuzo Emininzi”
Yintoni eyanceda uMario, owayengumfundisi ukuba aqiniseke ukuba amaNgqina KaYehova afundisa inyaniso ngeBhayibhile?
Inyaniso YeBhayibhile Yandinika Iimpendulo Ezanelisayo
UMayli Gündel wayeka ukukholelwa kuThixo xa kwasweleka utata wakhe. Walufumana njani ukholo lokwenene nolwaneliseko?
Ayiphendula NgeBhayibhile Yonke Imibuzo!
UIsolina Lamela wayengunongendi ongumKatolika, waza kamva waba ngumKomanisi, kodwa wayenamathandabuzo. Kamva, wadibana namaNgqina kaYehova, awamnceda ngeBhayibhile ukuba aphucule ubomi bakhe.
Bafumana ‘Iperile Exabiseke Kakhulu’
UMary noBjörn bafumanna inyani ngoBukumkani ngeendlela ezingafaniyo. Yabutshintsha njani ubomi babo?
“UYehova Akazange Andilibale”
Eli bhinqa lithanda unqulo lafumana iimpendulo eziseZibhalweni zemibuzo yalo ngoko kwenzeka kuthi xa sisifa. Funda ngendlela inyaniso eyabutshintsha ngayo ubomi balo.
“Ndandifuna Ukuba Ngumfundisi”
Kwasebutsheni bakhe, uRoberto Pacheco wayefuna ukuba ngumfundisi wecawa yamaKatolika. Funda ukuba yintoni eyatshintsha elo phupha.
“Babefuna Ndizibonele Ngokwam Oko Kufundiswa YiBhayibhile”
ULuis Alifonso wayefuna ukuba ngumvangeli weeMormon. Ukufundiswa kwakhe iBhayibhile kwabutshintsha njani ubomi bakhe?
Iziyobisi Notywala
“Andisalawulwa Ngumsindo Ngoku”
Xa wayeqalisa umsebenzi omtsha, uMichael Kuenzle wabuzwa, “Ucinga ukuba nguThixo obangela ukuba siphile kabuhlungu kangaka?” Batshintsha ngelo xesha ubomi bam.
Ubomi Bam Babusiya Bumoshakala, Ndandingayazi Nokuba Mandithini
USolomone waya eMerika ecinga ukuba uza kuphila ubomi obubhetele. Kodwa waqala ukusebenzisa iziyobisi waza waphelela ejele. Wancedwa yintoni ukuze atshintshe?
Ndandihlala Esitratweni
Okwenzeka ebomini buka-Antonio kwamenza akazazi ukuba usaphilela ntoni. Yintoni eyatshintsha ubomi bakhe?
Ndafunda Ukuzihlonipha Nokuhlonipha Amabhinqa
UJoseph Ehrenbogen wafunda into eBhayibhileni eyamnceda wabutshintsha ngokupheleleyo ubomi bakhe.
“Ndaqalisa Ukucinga Ngekamva Lam.”
Funda indlela imigaqo yeBhayibhile eyayinceda ngayo enye indoda yatshintsha imikhwa yayo nendlela eyayicinga ngayo ukuze ikholise uThixo.
Ndandidikiwe Yindlela Endandiphila Ngayo
UDmitry Korshunov wayelinxila, kodwa waqalisa ukufunda iBhayibhile suku ngalunye. Yintoni eyamkhuthazela ekubeni enze utshintsho oluphawuleka kangaka ebomini bakhe?
IBhayibhile Iyabutshintsha Ubomi Babantu—Oktobha 2012
Abantu ababini bayitshintsha njani imikhwa emibi, equka utywala neziyobisi baza bonwaba ngokwenene?
“Ekugqibeleni, Ndide Ndayifumana Eyona Nkululeko”
Funda indlela iBhayibhile eye yamnceda ngayo omnye umfana wayeka ukutshaya nokusebenzisa kakubi iziyobisi notywala.
Ulwaphulo-mthetho Nokuphathwa Kakubi Kwabantu
Ndandinengxaki Yokugqajukelwa Ngumsindo
Owayekade ekwiqela lemigulukudu ukholelwa ekubeni umntu anguye namhlanje ubonisa ukuba iBhayibhile inamandla okutshintsha umntu. Ngoku ungumhlobo kaThixo.
Ndandisisikhohlakali, Ndikuthanda Nokulwa
Yintoni eyabangela ukuba uphuma-silwe waseMexico afune ukutshintsha ubuntu bakhe?
Ndicela Undinike Uxolo Nolonwabo Unyaka Nje Ube Mnye
UAlain Broggio wachukunyiswa kakhulu sisicatshulwa seBhayibhile esikweyoku-1 kuYohane 1:9.
Ndandicinga Ukuba Ndiphila Obona Bomi
UPawel Pyzara wayeyindlobongela, esebenzisa iziyobisi, kwangaxeshanye efuna ukuba nguthile kwezomthetho. Ubomi bakhe batshintsha xa waqala umlo namadoda asibhozo.
Ndaye Ndisiba Nguncanyelweni
UStephen McDowell wayelityendye elinoburhalarhume, kodwa ubomi bakhe batshintshwa bubugwinta obabungenziwanga nguye.
Ndafunda Ukuba UYehova Unenceba Ibe Uyaxolela
UNormand Pelletier, wayengasakwazi ukuphila ngaphandle kokuba izinto zabanye abantu. Kodwa wathi akufunda ivesi nje enye yeBhayibhile, zewaxa iinyembezi.
Ndandibulwa Ngokwam Ubungendawo Nogonyamelo
UAntoine Touma wayeyincutshe yeKung fu, kodwa watshintshwa ngamazwi akweyoku-1 kuTimoti 4:8.
Ndandingahambi Ngaphandle Kompu Wam
UAnnunziato Lugarà wayekwiqela lemigulukudu elalidume ngokuqhekeza kodwa ngeny’ imini waya kwiHolo yoBukumkani ibe batshintsha ubomi bakhe.
“Abantu Abaninzi Babengafuni Nokundibona”
Funda indlela iBhayibhile eyayinceda ngayo indoda eyayindlongondlongo yaba seluxolweni.
Imidlalo, Umculo Nokuzonwabisa
UAndrey Nesmachniy: Isizathu Esandenza Ndayeka Ukudlala Ibhola
Wayedumile ibe enemali, kodwa wafumana eyona nto ixabisekileyo.
Ndandibonakala Ndinayo Yonke Into
UStéphane wayesemtsha, ephumelele ibe eyimvumi edumileyo. Sekunjalo wayeziva engento yanto. Walufumana njani ulonwabo ebomini?
Ndawa izihlandlo ezininzi ngaphambi kokuba ndiphumelele
Enye indoda yakwazi njani ukuyeka ukuba likhoboka lokubukela iphonografi yaza yafumana uxolo?
“Ndandikhohlakele”
Phezu kwayo nje impumelelo awayifumanayo emculweni, uEsa wayesazi ukuba ubomi bakhe abunanjongo. Funda indlela le mvumi yeheavy-metal eyalufumana ngayo ulonwabo lokwenene.
Amandla Siwafumana Ngokukhonza UYehova
Ivesi yeBhayibhile yaqinisekisa uHércules ukuba angayeka ukukhohlakala aze abe ngumntu ozolileyo nonothando.
Ayikho Into Endandiyithanda Njengebaseball!
USamuel Hamilton wayeyithanda kakhulu imidlalo kodwa iBhayibhile yabutshintsha ubomi bakhe.
“Isithembiso Somhlaba Oyiparadesi Sabutshintsha Ubomi Bam”
UIvars Vigulis wayephila ubomi bodumo nobumnandi bokudyarha izithuthuthu. Ibutshintshe njani iBhayibhile ubomi bakhe?