Yiya kwinkcazelo

IBHAYIBHILE IYABUTSHINTSHA UBOMI BABANTU

“Ndandihlala Esitratweni”

“Ndandihlala Esitratweni”
  • Unyaka Wokuzalwa: Ngo-1955

  • Ilizwe: ESpeyin

  • Ubomi Bangaphambili: Ndandilikhoboka Leziyobisi, Utywala Ibe Ndandindlongondlongo

UBOMI BANGAPHAMBILI

 Abanye abantu bathath’ ixesha ukuze bafunde kwiimpazamo zabo. Ndandinjalo kanye. Ndazalelwa eBarcelona, isixeko sesibini ngobukhulu eSpeyin. Ekhaya sasihlala eSomorrostro, isixeko esasikufutshane nolwandle. Esi sixeko saziwa ngolwaphulo-mthetho nokuthengisa iziyobisi.

 Abazali babenabantwana abasithoba, ibe ndandingoyena umdala. Ngenxa yokuba sasisokola, utata wandifunela umsebenzi kwindawo ekudlalwa kuyo itennis. Ndandineminyaka elishumi ngelo xesha, ibe ndandisebenza iiyure ezilishumi suku ngalunye. Ngenxa yoko, ndandingayi esikolweni njengabanye abantwana. Xa ndandina-14, ndandilungisa iintsimbi ndisebenza kwivenkile yazo.

Ngo-1975 ndaya emkhosini ibe ndinxibe impahla zakhona

 Ngo-1975, ndabizelw’ emkhosini, nto leyo eyayinyanzelekile eSpeyin. Kuba ndandifuna ukwenza into ebangel’ umdla, ndaya emkhosini eMelilla, ekuMntla Afrika. Ngelo xesha kanye, ndaqalisa ukuba likhoboka leziyobisi notywala.

 Emva kokuba ndibuyile emkhosini, ndabuyela eBarcelona ndaza ndaseka iqela lemigulukudu. Sasisiba yonk’ into. Emva kokuba sithengise izinto esizibileyo sasitheng’ iziyobisi. Ndandisebenzisa isiyobisi ekuthiwa yiLSD neamphetamines, ibe ndandiziphethe kakubi, ndinxila ibe ndingcakaza. Ngenxa yendlela endandiphila ngayo ndandindlongondlongo. Ndandisoloko ndiphethe imela, izembe okanye ucelemba ibe ndandingoyiki ukuzisebenzisa xa kuyimfuneko.

 Ngeny’ imini mna neqela lam seba imoto saza saleqwa ngamapolisa. Yayingathi yimuvi. Sayiqhuba le moto kangangeekhilomitha eziyi-30 ibe amapolisa aqalisa ukusidubula. Ekugqibeleni umntu awayeyiqhuba wagilisa ngayo, ibe sabaleka sonke. Xa utata wayifumanisayo loo nto, wandigxotha ekhaya.

 Kwiminyaka emihlanu eyalandelayo, ndandihlala esitratweni. Ndandilala kwiivaranda, kwiilori, kwizitulo ezisezipakini nasemangcwabeni. Ndakha ndahlala nasemqolombeni. Ndandingayazi into endandiyiphilela kangangokuba ndandisithi nokuba ndingafa. Ndikhumbula ngenye imini nditye iziyobisi ndizisika izihlahla neengalo. Ndisenayo nangoku loo mikrwelo.

INDLELA IBHAYIBHILE EYABUTSHINTSHA NGAYO UBOMI BAM

 Xa ndandina-28, umama weza kundikhangela waza wandicela ukuba ndibuyele ekhaya. Ndavuma ndaza ndamthembisa ukuba ndiza kuzenza kakuhle izinto, kodwa ndathath’ ixesha ukuze ndiyenze loo nto.

 Ngeny’ imva kwemini, amaNgqina KaYehova amabini ankqonkqoza emnyango. Njengokuba ndandiwamamele, utata wakhwaza ngaphakathi wathi, sukubamamela abo bantu. Ekubeni ndandingakuthandi ukuxelelwa, zange ndimhoye. Andinika iincwadi ezintathu, ibe ndazithatha. Ndawabuza ukuba adibanela phi, ibe emva kweentsuku ezimbalwa ndaya eHolweni yoBukumkani.

 Into endayiqaphelayo kukuba abantu babenxibe kakuhle. Mna ndandineenwele ezinde, iindevu ezimdaka, ndinxibe nempahla endala. Ndazibona ndingafaneleki ibe ndema ngaphandle eholweni. Kodwa ndothuka ndakubona uJuan enxibe isuti, owayekade ekwiqela lam lemigulukudu. Kamva ndeva ukuba sele enonyaka eliNgqina LikaYehova. Ndakumbona ndatsho ndanesibindi ndaza ndangena ngaphakathi eholweni. Ndaqala ngolo hlobo ukutshintsha.

 Ndavuma xa kwacelwa isifundo seBhayibhile kum. Ndabona ukuba ukuze uThixo akholiswe ndim, kufuneka ndiyeke ukuziphatha kakubi nokuba ndlongondlongo. Kwakunzima ukwenza olo tshintsho. Ndafunda ukuba, ukuze ndikholise uThixo kufuneka ‘nditshintshe ingqondo.’ (Roma 12:2) Yandichukumisa indlela uThixo anenceba ngayo. Nakuba ndenza iimpazamo ezininzi, ndabona ukuba uYehova undinika elinye ithuba. Izinto endazifundayo ngoYehova uThixo zehlela entliziyweni. Yazicacela kum into yokuba kukho uMdali ondikhathaleleyo.​—1 Petros 5:6, 7.

 Oku kwandenza ndaqalisa ukwenza utshintsho. Ngokomzekelo, xa safika kwisifundo esithetha ngecuba, ndazixelela ukuba, ‘Ukuba uYehova uThixo ufuna ndicoceke kuzo zonke iinkalo zobomi, necuba kufuneka ndililahle.’ (2 Korinte 7:1) Ndawafaka emgqomeni ngoko nangoko.

 Kwakufuneka ndiyeke ukusebenzisa nokuthenga iziyobisi. Ndathath’ ixesha kodwa ukuze ndiyeke. Ukuze ndiyeke, ndandisazi ukuba kufuneka ndiyeke ukutshomana nemigulukudu. Ukutshomana nabo kwakungandincedi ndiqhubeke ndingumhlobo kaYehova. Ekuhambeni kwexesha, ndathembela ngakumbi ngoThixo ibe ndancedwa kakhulu ngabahlobo bam abatsha abasebandleni. Zange ndathandwa ngendlela abandithanda ngayo. Ekuhambeni kwexesha ndade ndahlukana neziyobisi ndaza ‘ndambatha ubuntu obutsha,’ nto leyo eyenze uThixo wakholiswa ndim. (Efese 4:24) NgoAgasti 1985, ndabhaptizwa ndaliNgqina LikaYehova.

INDLELA ENDIYE NDANCEDAKALA NGAYO

 IBhayibhile ibuphucule kakhulu ubomi bam. Indincedile kuba ndandingayithandi indlela endandiphila ngayo ibe ndandingenasidima. Phofu, abantu ababekade beziitshomi zam abangaphezu kwe-30 babulawa besebancinane yi-AIDS nezifo ezinento yokwenza neziyobisi. Ndiyavuya kuba ndiphila ngemigaqo yeBhayibhile kuba nam ngendangcwatywa.

 Ngoku andisayiphathi imela nezembe. Ndandingayicingi nokuyicinga into yokuba ndakuze ndiphathe iBhayibhile ndize ndincede ngayo abantu. Namhlanje, mna nenkosikazi yam sikhonza uYehova ixesha elizeleyo njengamaNgqina KaYehova.

 Abazali bam abazange babe ngamaNgqina KaYehova, kodwa bayayixabisa indlela ekundincede ngayo ukufunda iBhayibhile. Phofu utata wayekhe wathethelela amaNgqina kubantu asebenza nabo. Kucacile ukuba uyawubona umahluko owenziwe lunqulo lwam olutsha. Umama usoloko esithi ngendandiqale kudala ukufunda iBhayibhile. Nam nditsho.

 Izinto ezenzeke ebomini bam zindifundise indlela ekungekho ngqiqweni ngayo ukufuna ulwaneliseko kwiziyobisi. Ngoku ndaneliseke nyhani kuba ndifundisa abantu iLizwi LikaThixo elisindise ubomi bam.